Inkokheli yamaKoloniyali

Published Apr 1, 2015

Share

IPalamente yabafundi nesisiqu seengxoxo mpikiswano zabafundi kulaDyunivesithi yaseKapa, ikhe yabamba iqonga lengxoxo mpikiswano ngalomcimbi.

Ipesenti ezingamashumi asibhozo zabafundi, bezixhasa ukuba mawususwe lomfanekiso.

Le ntshukumo yabafundi yasulele namanye amaziko emfundo, kuba abafundi beDyunivesithi ezinze apha eMpuma Koloni iRhodes nabo bavalisa inkxaso yabo.

Nabo ke bememelela ukuba igama lesikolo malitshintshwe, isikolo singabizwa ngalo somashishini waseBritani.

Mna indawo endimi kuyo kuyo yonke lengxoxo, andikayichani ncam. Njengomntu ebesandula ukuba ngumfundi ndinemibuzo eliqela,

Ingaba lixesha lokuba kuliwe idabi lemifanekiso eqingqiweyo kweli?

Ngathi zininzi kakhulu izinto ezisafuna ukuliwa kumcimbi wezemfundo ephakamileyo kwelilizwe. Ingaba ingxaki yenkxaso- mali enqabele ebafundi izakusonjululwa kukususwa komfanekiso kaRhodes?

Elinye idabi elifunwa kulolwe izikhali kumaziko emfundo ephakamileyo, ngumcimbi wokunqongophala kwabafundisi abamnyama.

Kum ingathi lonto kukubambezela nje izifundo nenkcitha -xesha. Mhlawumbi ingxoxo- mpikiswano ekumila kunje ngeyayivezwe kwilixa elingaphambili.

Phambili kokusweleka kwakhe ngonyaka xa 1902, uRhodes waye wabekela bucala inkitha yobutyebi bakhe ukuze kwakhiwe leDyunivesithi yaseKapa.

Nebekwa njengezinye ezihamba phambili kweli loMzantsi Afrika.

Ingqonyela yaleDyunivesithi uMax Price uthi bakwinkqubo yokuqwalasela zonke izakhiwo ezidala kwakunye nemifanekiso eqingqiweyo kweliziko lemfundo.

UPrice uthi sele edibene kwakunye nabanye abajongene nolawulo lwesikolo jikelele, yaye nabo abakuchasi ukususwa kwalomfanekiso uqingqiweyo.

Mhlawumbi ke ekugqibeleni abafundi bazakude bayifumane into ebekudala beyinqwenela, mhlawumbi kwale ntshukumo singathi kukuqala kweenguqu kumaziko emfundo ephakamileyo.

Related Topics: